Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Ezants'Embo! !

Poem By Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Ezants'eMbo mawethu!
Ndibon'usizi kwigaz'elimnyama lethu
Iintsana zithwel'ubunzima
Kwintlupheko kuzo kwanqab'isidima
Kuzinyembezi kumanina
Kuphel'amaqhinga kwand'amaqhina

Ezants'eMbo mawethu!
Yizani nibone mzi wakowethu!
Kwezo ngqele kwezo ntaba
Ndibon'ubukhoboka busasazek'okweentsiba
Ndithwaxwe sisazela novelwano
Kwisizwe sibethwa luphango
Kakade nje zith'iimbongi kwakonakele
Kub'ithumbu emntwini lalizonwabele

Zehla iinyembezi kubafazi
AmaMfengu ehlaselwe kukungazi
Yabe yona imfazwe sele igqithile
Isikhukhula sashiya iintsapho ziphelile
Yini na ntsapho zaseMbo!
Ukuba nishiyeke nani ningenazimbo

Ezants-eMbo mawethu!
Nalo lichithek'igazi lakowethu
Kwathi kanti eso sisiqendu
Esafundis'umthinjana sashiy'amendu
Namhla wena Mfengu ndini uyayazi intlupheko
Kumathaf'aseDutywa usingath'elakho itheko
Kwimisitho yaphesheya pha! KweNciba
Uhleli ngovuyo namaGcaleka kungekho sixhiba

KubaThembu!
kumaRharhabe!
KumaMpondo wande ilizwe lonke
Wamkelekile nakwindlu kaZwelonke
Umanyene ngothando nentlutha!
Kumathaf'aseNqamakwe naseTsomo angenokwehluthwa

Namhla umkhulu kwesikaPhalo udubula ungethi
Inzala yakho nayo isingath'ubutyebi
Nditsho kuwe Miya nditsho kuweBhele
Nditsho kuweRhadebe nditsho kuweTolo

Nditsho kuni mzi wamaZizi
Wandile nawe namhla Jama kaSjadu
Ezants'eMbo mawethu!
Kulapho sivela khona esinye isizwe sakowethu!

Comments about Ezants'Embo! !

There is no comment submitted by members.


Rating Card

5 out of 5
0 total ratings

Other poems of KAMTHETHUNGQONGQO POTELWA

A Better Lover

We All Want To Be Man,
But I Want To Be A Better Man
We All Want To Be Husbands,
But I Want To Be A Better Husband

What You Never Knew

Flaws and toes
Lies and cries
My i sing this loudly sang silent chorus,
thats all it took for me to be me

With Little I Have On Offer

I do not have money
But its funny that I have all the heart
I don't have as much friends to laugh with
But I am sure we can have our own crazy moments

Jaqcui Broad

How I miss the sight of your name
The words of yours that never get lame
How I miss the write of reality
That in your poetry I saw possibility

A Women In Man

with distance the time it took for obedience.
a due true perfection in man's resilence,
that banished with less anxiety im but beyond the senate,
with SHE! he marvelled the stormy sounds neither filled with sweat to the sonet,

Friendship.

If times permitted,
You wouldn't have came to my world,
If life could be rewinded
You woulnt have been,

Pablo Neruda

If You Forget Me